UBenni McCarthy ubhengezwe njengomqeqeshi omtsha weHarambee Stars ekwaziwa njengeqela lebhola ekhatywayo lesizwe laseKenya.
Image: Football Kenya Federation
Umbutho webhola ekhatywayo waseKenya (FKF) ubhengeze uBenni McCarthy (47) njengomqeqeshi omtsha weqela lebhola ekhatywayo lesizwe laseKenya ngoMvulo. Uza kusebenza noVasili Manousakis njengosekela mqeqeshi, uMoeneeb Josephs njengomqeqeshi woonozinti kunye noPilela Maposa njengomhlalutyi wemidlalo.
Amarhe athi uMcCarthy uza kuba ngumqeqeshi omtsha weqela lebhola ekhatywayo laseKenya avakala ukusukela kunyaka ophelileyo. Uthatha lo msebenzi njengomqeqeshi oyintloko emva kokushiya iqela laseNgilani iManchester United ngenyanga yeSilimela ka2024 apho wayengumqeqeshi weefolosi phantsi komqeqeshi uErik ten Hag.
UMongameli weFKF uHussein Mohammed uvakalise ukulithemba iqela elitsha labaqeqeshi elikhokelwa nguMcCarthy, uthe: "Emva kwenkqubo yokhetho engqongqo, siqinisekile ukuba uBenni McCarthy ngoyena mntu ufanelekileyo ukukhokela iqela lethu lesizwe ukuya phambili. Amava akhe, umbono, kunye nokuzinikela ekuphuhliseni ibhola yaseKenya ihambelana ngokugqibeleleyo neminqweno yethu. Ecaleni kwakhe, samkela uVasili Manousakis njengosekela mqeqeshi, uMoeneeb Josephs njengomqeqeshi woonozinti, kunye noPilela Maposa njengomhlalutyi wemidlalo. Eli qela lizisa ubutyebi bobuchule, kwaye siyakholelwa ukuba liza kubethelela uqeqesho lobuchule, indlela yokudlala enocwangco, kunye nokulambela ukuphumelela njengoko silungiselela ukhuphiswano oluzayo."
UMcCarthy uthe uwongekile ukuthatha le ndima kwaye uchulumancile ngokuzayo neqela lesizwe laseKenya. "Ndiyazazi italente kweli lizwe, kwaye ndiyakholelwa ukuba maninzi amathuba okukhuphisana kwelona nqanaba liphezulu. Ndikunye neqela lam labaqeqeshi, kuquka uVasili Manousakis, uMoeneeb Josephs, noPilela Maposa, sizimisele ukwakha iqela elilungelelanisiweyo, eliqeqeshekileyo, nelidlala ngokuzithemba. Injongo yethu kukuphuhlisa iqela elomeleleyo, sidlale ibhola ekhatywayo enika umdla, kwaye senze isizwe sibe nebhongo. Ndikulangazelela ukusebenza nabadlali, umbutho webhola ekhatywayo, kunye nabalandeli baseKenya abanenzondelelo ukuze sifumane impumelelo," utshilo.
Umqeqeshi omtsha weHarambee Stars unomsebenzi omkhulu phambi kwakhe njengoko belungiselela imidlalo neGambia neGabon yokuzibekela indawo kwiNdebe yeHlabathi ka2026.
Related Topics: