Inkokheli ye’EFF uJulius Malema.
Imibutho ephikisayo, iEconomic Freedom Fighters (EFF) noMkhonto weSizwe Party (MK Party), ithi akukho qela lithile labantu libulawayo kweli loMzantsi Afrika kwaye urhulumente uyaleqwa kuba ebekhusela engakwicala lePalestina, unyanzelisa uSirayeli ukuba athathe uxanduva aziphendulele ngezenzo zawo.
Ithetha kwingxoxo-mpikiswano yentetho yobume besizwe (SONA) ngenjikalanga yangoLwesibini, iMK Party ithe akukho sigrogriso sokubulawa kwabantu abathile eMzantsi Afrika kwaye icela uMongameli uCyril Ramaphosa ukuba abonelele ngobunkokeli obubambekayo.
“Kukho izikhalo zesininzi sabantu abantsundu ababecinezelekile ngokwembali nangoku, nababekelwe bucala abafuna kubuyiselwe umhlaba nobutyebi kubantu bebonke ukuze babengabanikazi bawulawule – hayi abo bambalwa abaxhamla kucalucalulo nobukoloniyali,” utshilo uJohn Hlophe, inkokheli yeqela eliphikisayo kwiNdlu yoWiso-mthetho.
“Sinoxanduva njengoMzantsi Afrika lokukhusela ulongamo lwethu kunye nesidima sommandla wethu, kwaye ngokwenjenjalo, kufuneka siqonde ukuba ulongamo lwethu njengesizwe kufanele ukuba lubandakanye ukukhuselwa kobungangamsha kunye nesidima sommandla wawo onke amazwe aseAfrika.”
Inkokheli ye’EFF uJulius Malema khange awabambe amazwi akhe, uphinde wayibethelela intetho kaRamaphosa yokuba ilizwe alizukoyikiswa yiMelika ezimisele ukulwa uMzantsi Afrika ngendlela yezopolitiko neyoqoqosho
“Somlomo, kufuneka siyicacise gca into yokuba masingabhidaniswa nesizukulwana samagwala esinokungcungcuthekiswa ngoontamo-lukhuni nangabantu abanxanelwe ukulawula abanxiliswe bubutyebi bocalucalulo,” utshilo uMalema.
“IMelika iye yaxhaphaza amanye amazwe ngaphambili, yabeka izohlwayo ezingenangqondo kwaye isoyikisa ngeemfazwe. Kodwa sisisizukulwana esahlukileyo. Sisizukulwana senkululeko yezoqoqosho,” utshilo.
“MaFighter, asizukungcungcuthekiswa. Siyavumelana nawe Mongameli ukuba masingcungcuthekiswa.”
Related Topics: