Umpu wohlobo lwe38 flywheel revolver. Umfanekiso: SAPS
Kubanjwe abarhanelwa ababini nabangoodade ngamalungu eTRT, nalapho omnye kunyanzeleke aleqiswe esibhedlele kuqala ngeengxaki zokukhulelwa, kwilali yaseLujecweni kwiveki ephelileyo, emva kokuba befunyenwe benemipu engenamaphepha mvume, kwaneembumbulu.
Oku kwehle emva kokuba amapolisa ethe ahletyelwa ngesi sibini sineminyaka eyi33, neyi38, sizalwa kunye.
Ngokwengxelo kaCaptain Welile Matyolo, amapolisa agaleleke kulo mzi engabhungisanga, nalapho ethe afumana umpu wohlobo lwe9mm Norinco kwaneembumbulu kowasetyhini oneminyaka eyi38. Uphando lwangaphambili luveze ukuba lo mpu wathi wabikwa njengobiweyo eNgqeleni ngoNovemba ka2019.
Ukanti ingxelo iqhuba ithi, owasetyhini yena oneminyaka eyi33, nongudade komnye umrhanelwa lo, ufunyenwe nompu wohlobo lwe38 flywheel revolver ungenazo iimbumbulu, nowathi wabikwa njengobiwe ePotchefstroom. Lo mrhanelwa kuye kwanyanzeleka aleqiswe esibhedlele ngenxa yeengxaki athe wanayo njengomntu ozithweleyo. Izityholo zakhe abekwa zona zakuthi zilandelelwe emva kokuba ephumile esibhedlele.
Ukanti umrhanelwa lo uneminyaka eyi38 yena, kulindeleke avele eNkundleni kaMantyi eNgqeleni namhlanje, umhla we17 kweyoMdumba. Lo mrhanelwa uza kuvela ngezityholo zokuba nompu neembumbulu ngokungekho semthethweni.
Related Topics: