Abantu ababini kutshanje baphumelele isabelo esingaphaya kwezigidi ezilishumi zeerandi umntu ngamnye.
Inkampani yeLotto kuzwelonke, iNational Lottery Ithuba, ithi kukhangelwa abantu ababini abaphumelele iLotto engaphezu kwezigidi ezilishumi zeerandi.
Le mali iphunyelelwe nge12 kweyoMdumba 2025 yiR10 620 941. I-Ithuba ithe umntu ngamnye ophumeleleyo uza kugoduka neR5 310 470,50.
Amatikiti aphumeleleyo athengwe kwaShoprite Checkers KwaZulu-Natal, nakwaPick n Pay eMpumalanga, ngeR5 neR10.
Ethetha ngabaphumeleleyo kutshanje, uMphathi we’Ithuba uCharmaine Mabuza uthe: “Kuyasivuyisa ukuba nabaphumeleleyo ababini ababenesibindi sokuphupha nokudlala ngemali engekho nintsi. Sivuyisana nabo bobabini.”
I-Ithuba ibongoze bonke abadlali beLotto ukuba bajonge amatikiti abo ngokukhawuleza kwaye beze ngaphambili ukubanga imali yabo.
I-Ithuba ithe bonke abaphumeleleyo baneentsuku ezingama365 ukusuka kumhla wokubhengezwa kwamanani ukuba babange imali yabo.
Imali ephunyelelweyo ihlawulwa kwiiyure ezingama72 zebango elilo, kwaye yonke imali yeLotto ayitsalelwa rhafu.
Abadlali banokujonga amatikiti abo ezivenkileni, okanye bajonge iziphumo kumnatha weNational Lottery Ithuba okanye kumakhasi onxibelelwano.
Related Topics: