UMongikazi uphethe isitofu sokugonya, elungiselele ukugonya isigulane.Umfanekiso Uthunyelwe UMongikazi uphethe isitofu sokugonya, elungiselele ukugonya isigulane.Umfanekiso Uthunyelwe
Intatheli yeSolezwe
IVEKI yamazwe ngamazwe yogonyo ( World Immunization Week) iqwalaselwa kwiveki yokugqibela kuTshazimpuzi (24-30 ) ngeenjongo zokuphucula ukusetyenziswa kwezigonyo ukuze kukhuselwe abantu beminyaka yonke.
Ukhuselo lobomi lonke
Ugonyo luqatshelwa kakhulu njengesona sixhobo esakhe sanempumelelo nongenelelo lwezempilo olusebenzayo.
Olu gonyo lukhusela abantu abaphakathi kwezigidi ezibini nezithathu rhoqo ngonyaka, kwaye kungoku nje alikhuseli zifo ezifana nee-diptheria, tetamus, ipolio nee-measles zodwa, kodwa likwakhusela nakwizifo ezifana ne-(ngqele) pneumonia ne-(sifo sorhudo) rotaviral diarrhoea, nezi zezona zifo zibini ezibulala kakhulu kubantwana abasengaphantsi kweminyaka emihlanu.
Kungoku nje, abo basafikisayo ebuntwini (adolescents) kwanabo badala bangakhuseleka kwizigulo ezigrogrisa ubomi ezifana nomkhuhlane, isifo sokudumba kwenwebu yobuchopho (meningitis) kunye nomhlaza (umhlaza wesibeleko nowesibindi).
Kodwa noxa kunjalo, umntwana omnye kwabahlanu usashiyekela ngaphandle.
Kunyaka ka-2013, ziqikelelwa kwi-21.8 yezigidi iimveku ezingazange zifumane zigonyo zokuzisindisa. Ukushokoxeka kwamachiza okugonya, ukushokoxeka kweenkonzo zempilo, ukulambatha kolwazi oluchanekileyo olungogonyo ngokunjalo nentswelo yenkxaso yepolitiki neyezimali zidlale indima enkulu.
Mawuvalwe umsantsa kugonyo:
Iveki yogonyo yehlabathi izakube iqwalasele ukuphuculwa kweenzame zehlabathi, zeenqila kunye nezika zwelonke ekuzameni ukuphakamisa unyawo ukuphucula iphulo lokuvundla kuluntu lokuhlala mayela nenkqubo yogonyo, kwaye ziphucule nohanjiso lweenkonzo zamachiza ogonyo.
Iphulo lalo nyaka ligxile ngamandla ekuvaleni umsantsa kwaye lizise umakulinganwe kumazinga ogonyo nanjengoko oku kuqulathwe kumgomo we-Global Vaccine Action Plan (GVAP).
Lo mthetho nowaxhaswa ngamalungu aseburhulumenteni alikhulu elinamashumi alithoba nane akwindlu yowiso-mthetho wezempilo kwihlabathi, ngekaCanzibe ku-2012- ngummiselo wokunqanda ukubhubha kwezigidi ngonyaka ka-2020 ngokufumaneka kwamachiza ezigonyo luluntu lonke kwiindawo zalo zokuhlala.
Ngethemba kukhona noko eniye nakurhabula kwesiqwentshana besiniphathele sona esimalunga nogonyo.